Page 9 - UCT2012 Research Report

Basic HTML Version

7
Introduction
Umyalezo osuka
KUSEKELA-NGQONYELA
UGQR MAX PRICE
uSekela-Ngqonyela
Luxanduva lweYunivesithi yaseKapa ukuqinisekisa ukuba uphando
lwethu kunye nokuvelisa iingcamango ezintsha kukuza nenkcazelo
entsha yaye sikwatyhalela phambili imida yolwazi yophuhliso
kunye notshintsho ekuhlaleni kunye nokhuseleko lomhlaba wethu
ngokubanzi. Ngenxa yoko, ndiyakuvuyela ukuniphathela le ngxelo
yophando olugqwesileyo lwase-UCT lowama-2012.
S
iyazingca ngokuba nabaphandi abakudidi oluphezulu e-UCT. Izinto esithe
saphosa igalelo lethu kuzo, kunye nezinto esithe saziphumeza ngophando
esilwenzileyo ngo-2012, zibaluliwe kwingxelo eziswe ngaphambili siSandla
seSekela-Ngqonyela. Sibonisa iinkalo ezibalulekileyo zophando kunye nemixholo
eyahlukeneyo yoqeqesho oluqhubekayo ukuvela kwiyunivesithi iphela,
nolukwadlala indima enkulu kwinkqubela yophando. Nazi ezinye zezi ndima:
igalelo elikhulu lophando lwenziwe kwiprojekthi ye-astronomi yeqela likazwelonke
leKaroo Array Telescope (MeerKat) kunye neSquare Kilometer Array (SKA), enye
yeemvavanyo ezinkulu zenzululwazi engazanga yabonwa.
uphando olunokuzalana okuthe ngqo nemigaqo-nkqubo kazwelonke ejoliswe
ekunciphiseni indlala, ukuphuhlisa ukukhula koqoqosho, nokunciphisa
ukungalingani;
uphando olugqwesileyo lwehlabathi olwenziwe liZiko LeziFo EzoSulelayoNoNyango
LweMoletyhuli (Institute of Infectious Disease and Molecular Medicine);
uphando kuphuhliso lweentlobo ezintsha zobuchwephesha ukujongana neengxaki
zoluntu, iingxaki ezingekhoyo kuphuhliso loqoqosho apho uninzi lobuchwephesha
obuhamba phambili kumazwe benziwa khona; yaye
ilinge elitsha lophando kunyango lwamanzi, olunempembelelo ebanzi kumacandelo,
ukusukela kwinkampani zemveliso kunye nokwenziwa kwentengiso kuchaphazela
ubomi babo bonke abemi boMzantsi Afrika ngendlela ethe ngqo.
Ngokungaxoxisiyo, enye yezinto ezithe zagqama kwimpumelelo yophando ngo-2012
kukukhethwa kophuhliso oluqhubekayo lwemoletyhuli (molecule) ebizwa ngokuba
yi-MMV390048 yePhulo LoNyango LwesiFo SeeNgcongconi (Medicines for Malaria
Venture [MMV]), umbutho ongenzi nzuzo oqulunqelwe ukufumanisa, ukuphuhlisa
nokubonelela ngamachiza afikelelekayo okukhusela isifo seengcongconi ngokusebenzisa
ubudlelwane boluntu kwanobo babucala obusebenza ngokukuko. Umxube omtsha
othembisayo oveliswe liziko le-H3-D lase-UCT ubonisa ifuthe elimandla ekulweni
amanqanaba aliqela kumjikelo wobomi besimungunyi-gazi sesifo seengcongconi. Oku
akuthethi nje ukuthi liza kuba yinxalenye yechiza elinye lokunyanga isifo seengcongconi,
kodwa lingakwazi nokuthintela ukugqithiselwa kwesimungunyi-gazi ukusuka komnye
umntu ukuya komnye. Lo ngumxube wokuqala ngqa kolu phando ukwenziwa kwilizwekazi
i-Afrika ukuba ungenele uphuhliso lonyango lokuqala kwintsebenziswano kunye neMMV.
Amalinge angentla enza igalelo elimandla ekujongeni iingxaki zoluntu
nokuphembelela ukukhula kuqoqosho kunye nophuhliso eMzantsi Afrika nakwi-Afrika
iphela. Ukongeza kula malinge, kukho amaziko jikelele oqeqesho olwahlukeneyo