8
UCT RESEARCH REPORT 2012
adlala indima ebalulekileyo ekusombululeni imiceli-
mngeni esijongene nayo ngeli thuba: uKhuseleko kunye
neLinge lokulwa uGonyamelo, iLinge lokuPhucula
iziKolo, iLinge loPhuhliso lweMozulu e-Afrika kunye
neLinge lokunciphisa iNdlala nokungaLingani. Uvutho-
ndaba olubalulekileyo ebekujoliswe kulo ngo-2012
ibikukubamba inkomfa
yeTowards Carnegie 3
: ejongene
neeNkqubo-qhinga zokoyisa iNdlala nokungaLingani
eyenziwa egameni leKhomishoni yeziCwangciso
zikaZwelonke
. Undoqo wenjongo yale nkomfa
ibikukuthatha imfumba yolwazi neengxoxo ezikhoyo
neengxoxo nokukhuthaza ukuthungelana nokwabelana
ngezimvo jikelele ukuya kutsho ngaphaya kwemida
yamaziko, eyemixholo neyemimandla.
Omnye wemiceli-mngeni kukuqonda amaphupha
ethu kummandla wophando nokuba kumele ukuba
ngumnqweno wethu ukusebenzisana namanye amazwe
kunye nokuba nolwazi oluhambele phambili lwehlabathi
jikelele, ngelixa sisasombulula iingxaki zasekuhlaleni.
Oku kuquka ukwakha ubudlelwane obutsha bophando
okanye ukuqinisa amaqhina onxibelelwano asele ekhona
kunye namahlakani ethu kwiliZwekazi i-Afrika, nakwezinye
iindawo kuMazantsi ehlabathi. Ngendlela eyandayo,
uphando olwenza umahluko kwihlabathi luqhutywa
yimbumba kunye nendibaniselwano yamazwe ngamazwe.
Ngeenjongo zokugcina intlanganisela kwezophando
kunye namahlakani amazwe ngamazwe, kwaye iqhubeka
njengelungu loMfela-ndawonye weeYunivesithi zeHlabathi
(Worldwide Universities Network) obunjwe ziiyunivesithi
ezili-19, ngowama-2012 i-UCT ithabathe inxaxheba
kuphando olukudidi lokuqala kumazwekazi amathandathu.
Abafundi bezidanga eziphakamileyo (postgraduate)
kunye nabaphandi abasele bethweswe izidanga
zobugqirha babe negalelo kwizinto esithe saziphumeza
esele ibaluliwe kule ngxelo. Ngo-2012, ngaphezu
kwesithandathu samawaka sabafundi sibhalisele
ukwenza izifundo zehonours, i-master’s kunye nezidanga
zobugqirha e-UCT. Kwangaxesha-nye, bekukho ama-
282 oogqirha bophando ababhalisileyo kwiyunivesithi,
apho abanye babo abangaphezu kwesiqingatha
bavela ngaphandle koMzantsi Afrika. Uxanduva lwethu
kukufundisa isizukulwana esizayo seenkokeli esiya kuba
lulutho nakwilizwekazi i-Afrika. Ngenxa yesibonelelo
semali esiphuma kwiCarnegie Cooperation, esenzelwe
iprojekthi yesiZukulwana seziFundiswa zeXesha eliZayo,
kuqeqeshwe iqela labafundi kwizifundo ezimalunga
nezifo ezosulelayo, ezobunjineli bokwakha (civil)
kunye nezoqoqosho. Le projekthi yenze ukuba sikwazi
ukusebenzisana neyunivesithi yaseMakerere, eGhana,
kunye neyunivesithi yeWitwatersrand.
Sibamba ngazibini kubo bonke abaxhasi, amahlakani kunye
nabaphandi abayintlanganisela ngokuxhasa umbono wethu
wophuhliso lophando e-UCT, besenza sibe nempembelelo
kwakunye nentsebenziswano emandla. Kungenxa yaba
bantu kunye nemibutho, kananjalo nomsebenzi woluntu
lweyunivesithi xa lulonke, ukuba sikwazi ukuqhubeka
nokunikezela uphando olukwinqanaba lehlabathi olubhekisa
phambili iyunivesithi kunye neli lizwekazi. Yinjongo yethu
ukuqhubeka sifaka ifuthe ngendlela eyiyo ekuguquleni
indlela yenkqubo yamaziko emfundo ephakamileyo
eMzantsi Afrika, kunye nokwakha amahlakani ophando aya
kuthi ancede ukwakha ikamva le-Afrika iphela.
Leading women scientists at UCT: Professor Valerie Mizrahi, Director of the Institute
of Infectious Disease and Molecular Medicine, holds an A rating from the National
Research Foundation. She is an international expert on
Mycobacterium tuberculosis
,
the organism that causes human tuberculosis. In 2012, Professor Mizrahi was named
as one of 13 of the world's leading basic-science researchers to receive the prestigious
Senior International Research Scholar awards, made by the Howard Hughes Medical
Institute in the United States.